Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:17-37 Ibhayibhile (XHO96)

17. Nâso ke isigqibo esivakaliswa zizithunywa, nditsho umyalezo obhengezwa zezingcwele, khon' ukuze lonke uluntu luqonde ukuba nguThixo uPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, luqonde nokuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika, nkqu nalowo ungazelwe nto.’

18. “Nâlo ke iphupha endiliphuphileyo mna kumkani uNebhukadenezare. Ngoko ke, Bhelteshazare, nceda undichazele intsingiselo yalo. Zonke izilumko zam apha ebhotwe zoyisiwe kukulityhila; kambe ke wena unako ukulityhila, kuba wambathiswe ngumoya woothixo abangcwele.”

19. Kwesi sithuba ke uDaniyeli, lo kuthiwa nguBhelteshazare, wasuka wee nkamalala umzuzwana ekhwankqisiwe. Ke ukumkani wathi kuye: “Hayi, wena Bhelteshazare, musa ukothuswa leli phupha nentsingiselo yalo.”UBhelteshazare ke waphendula wathi: “Mhlekazi, eli phupha nentsingiselo yalo akwaba belibhekiselele kwabakuthiyileyo nabakuchasayo.

20. Laa mthi uwubonileyo uluhalakahla olomelele lwakhula lwakrweca izulu, laza labonakala kulo lonke ihlabathi,

21. umthi omagqabi mahle kunene, oziqhamo zawo zanele uluntu lonke, umthi ekuphumla iinyamakazi emthunzini wawo, ngokunjalo neentaka zakhela emasebeni awo,

22. umthi lowo nguwe, mhlekazi. Kaloku wena ukhule wada wangukrwecizulu ngobungangamsha, lwaza ulawulo lwakho lwaya kutsho esiphelweni sehlabathi.

23. Uthe usabukele ke, mhlekazi, kwathi gqi ezulwini isithunywa esingcwele sathi: ‘Gawulani lo mthi niwutshitshise, kodwa nisishiye apho emhlabeni sona isikhondo ndawonye neengcambu zaso, nisiqamangele ngentsimbi nobhedu, sihlale apho phakathi kwengca emadlelweni. Makalalelwe ngumbethe, ahlulelane ngotyani nezilwanyana amaxesha amisiweyo asixhenxe.’

24. “Naku ukuchazwa kwalo ke, mhlekazi – ngenene esi sisimiso asimisele wena uPhezukonke.

25. Wena, kumkani, uza kugxothwa umke phakathi koluntu, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo, ulalelwe ngumbethe. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe ude uvume ukuba nguPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, uqonde ukuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika.

26. Njengoko izithunywa zithe isikhondo sineengcambu zaso masishiywe emhlabeni, loo nto ithetha ukuba ulawulo lobuyiselwa kwakuwe, wakuba uvumile ukuba ngulowo usezulwini olawulayo.

27. Ngoko ke, mhlekazi, khawuphulaphule ndikucebise: Zohlwaye ngezono zakho, wenze ubulungisa; yahlukana nobugwenxa bakho, uvelane nabo abantu abahlelelekileyo. Xa kunjalo uya kuhlala uhleli wonwabile.”

28. Yonke le nto yamhlela ukumkani uNebhukadenezare.

29. Emva kweenyanga ezilishumi elinambini wathi esahamba-hamba kumgangatho ophezulu apho ebhotwe komkhulu eBhabheli,

30. wasuka wathi: “Hayi ukuba sikhulu kwaso esi sixeko esiyiBhabheli! Ndim kaloku owasakhayo ngamandla am amakhulu. Ndasenza ikomkhulu lam ukuze siphuhlise isihomo nesithozela sam.”

31. Esathetha njalo ke kwavakala ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Kumkani Nebhukadenezare, naku okugqityiweyo ngawe: Uyawohluthwa onke amagunya akho obukumkani.

32. Uza kugxothwa ebantwini, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe de uvume ukuba uPhezukonke nguye ozilawulayo izirhulumente zabantu, yaye ke ulawulo ulunika nabani na athanda ukumnika.”

33. Kwangoko ke olu daba lwafezekiswa apho kuNebhukadenezare. Wagxothwa phakathi kwabantu, waya kutya ingca njengeenkomo. Walalelwa ngumbethe, zaza iinwele zakhe zaziingqajolo ezinjengeentsiba zokhozi, neenzipho zakhe zatsolo okwezentaka.

34. “Emva kwaloo mihla imisiweyo mna Nebhukadenezare ndakhangela ezulwini, kwatsho kwee dlwe, zabuya iingqondo! Ndambonga ke uPhezukonke, ndamdumisa ndamncoma lowo ungophilayo kude kuse ephakadeni.“Kaloku igunya lakhe aliyi kuba nasiphelo.nalo ulawulo lwakhe luhleli kwizizukulwana ngezizukulwana.

35. Uluntu alunto yanto xa luthelekiswa naye,nkqu nempi yasezulwini iphantsi kwegunya lakhe,ngokunjalo ke nabantu emhlabeni apha.Ewe, akukho namnye unokusithintela isandla sakhe,kungekho namntu unokuthi kuye: ‘Yintoni le uyenzileyo?’

36. “Ndakubuyela ezingqondweni ke satsho sabuya isidima nobuhandiba bam, baza babuya nobungangamsha boburhulumente bam. Amaphakathi ndawonye nezikhulu zam zandifuna, ndabuyiselwa ngokuthe kratya ngobuhandiba esihlalweni sam.

37. Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.”

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4