Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Wawutsho ngamagqabi amahle kunene, unentaphane yeziqhamo, zibanele xa bebonke abantu. Emthunzini wawo zaziphumla khona zonke iinyamakazi, neentaka zisakhela emasebeni awo. Ewe, loo mthi wawusondla zonke iindidi zezidalwa.

13. “Ndisalele njalo emandlalweni wam ndijika-jikana nalo mbono, ndabona kusithi thu ezulwini isithunywa esingcwele.

14. Sadanduluka ngamandla sathi: ‘Gawulani loo mthi, niwunqunqe amasebe. Waqhawuleni amagqabi, nisarhaze nezo ziqhamo zawo. Zigxotheni izilwanyana phantsi kwawo, nindulule nezo ntaka zisemasebeni awo.

15. Ke sona isikhondo sishiyeni, ndawonye neengcambu zaso, nisibophelele ngentsimbi nobhedu, sisale simile apho edlelweni phakathi kwengca.“ ‘Ngoku ke makalalelwe ngumbethe, ahlulelane ngotyani nezilwanyana apho emadlelweni.

16. Ingqondo yakhe mayiyeke ukuba yeyomntu, isuke ibe yeyesilwanyana, de kudlule amaxesha amisiweyo asixhenxe.

17. Nâso ke isigqibo esivakaliswa zizithunywa, nditsho umyalezo obhengezwa zezingcwele, khon' ukuze lonke uluntu luqonde ukuba nguThixo uPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, luqonde nokuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika, nkqu nalowo ungazelwe nto.’

18. “Nâlo ke iphupha endiliphuphileyo mna kumkani uNebhukadenezare. Ngoko ke, Bhelteshazare, nceda undichazele intsingiselo yalo. Zonke izilumko zam apha ebhotwe zoyisiwe kukulityhila; kambe ke wena unako ukulityhila, kuba wambathiswe ngumoya woothixo abangcwele.”

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4