Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Nalu udaba lukakumkani uNebhukadenezare kubantu bazo zonke izizwe neentlanga nazo zonke iilwimi ezikhoyo emhlabeni:“Makube luxolo nenkqubela kuni!

2. “Kubonakele iyinto entle kum ukuba ndinazise ngemiqondiso nemimangaliso andenzele yona uThixo uPhezukonke.

3. “Mikhulu kambe imiqondiso yakhe!Asinto ukurhwaqelisa imimangaliso yakhe!Ulawulo lwakhe ke lona alunasiphelo;ewe, elakhe igunya lihlala lihleli,liqhakamishela izizukulwana ngezizukulwana.

4. “Mna Nebhukadenezare ndandizonwabele ndizihlalele emzini wam, ndingenalo nexhala.

5. Ndaphupha iphupha elandothusayo. Ndathi ndisalele emandlalweni wam ndanemibono neengcingane ezandoyikisayo.

6. Ndaza ke ndathi mazibizwe zonke izilumko zaseBhabheli, ukuze zindityhilele iphupha lam elo.

7. Bathe ke bakufika abenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, nezanuse, ndazichazela iphupha elo, kodwa ke zoyiswa kukundityhilela intsingiselo yalo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4