Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 2:9-20 Ibhayibhile (XHO96)

9. Xa ningalichazi eli phupha niya kufumana isohlwayo esinye xa ninonke. Kaloku nidibene ngeqhinga lokundixokisa, ngenjongo yokuba mhlawumbi ngokuhamba kwexesha izinto zingaguquka. Ukuze ndiqonde ukuba ninako ukulilawula iphupha eli, qalani ngokulichaza.”

10. Iingcali zeenkwenkwezi ke zamphendula ukumkani zathi: “Kulo lonke elimiweyo, mhlekazi, akukho mntu unako ukuyenza le nto ayifunayo ukumkani. Kananjalo, mhlekazi, akukho kumkani, nokuba seleyingangalala engatshonelwa langa, wakha wathi abenzi bemilingo, oosiyazi, okanye iingcali zakhe zeenkwenkwezi, mabenze into enje.

11. Le nto ukumkani ayifunayo kuthi inzima gqitha. Akukho mntu unako ukuyenza, *ngoothixo bodwa abangayenzayo – kambe ke nabo abahlali apha phakathi koluntu.”

12. Hayi ke, ukumkani wakhathazeka, wavutha ngumsindo, wayalela ukuba zibulawe izilumko zaseBhabheli.

13. Ngoko ke wagunyazisa isohlwayo sokuba mazibulawe zonke izilumko. Bafunwa ke noDaniyeli nabalingane bakhe ukuba babulawe.

14. Ke kaloku uDaniyeli wamngena ngengqondo nangobulumko uAriyoki injengele yabalindi bakomkhulu, owayesiya kubulala zonke izilumko zaseBhabheli,

15. wathi kuye: “Ngani ukuba ukumkani agunyazise isohlwayo esiqatha kangaka?”Akuba uAriyoki echazele uDaniyeli konke okwenzekileyo,

16. uDaniyeli waya kukumkani, wamcela ukuba akhe ammele, khon' ukuze abe nako ukumtyhilela iphupha elo lakhe.

17. Egodukile ke uDaniyeli wabachazela ngale ngxaki abalingane bakhe uHananiya noMishayeli noAzariya,

18. waza wabanxusa ukuba bathandaze kuThixo osezulwini abenzele inceba malunga nale mfihlakalo, ukuze yena nabalingane bakhe bangabulawa kunye nezilumko zaseBhabheli.

19. Kanye ngobo busuku uDaniyeli wayityhilelwa ngombono le mfihlakako, waza ke wambonga uThixo wezulu

20. wathi:“Malidunyiswe igama likaThixo ngonaphakade kanaphakade,kuba bobakhe ubulumko namandla!

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 2