Hayi ke, kutsho yabubusaza – intsimbi, udongwe, ubhedu, isiliva, negolide, xa zizonke zacoleka zanjengomququ esandeni ngexesha lasehlotyeni. Kufike umoya wazitshayela akwasala nomkhondo lo wazo. Ke lona elo litye liwubethileyo loo mfanekiso lasuka lakhula layintaba enkulu ezalise ihlabathi lonke jikelele.