Kuthe usabukele njalo, mhlekazi, suka kwaqhephuka ilitye, lingachukunyiswanga sandla samntu. Liqengqeleke laya kuthi folokohlo kwezo nyawo zenziwe ngentsimbi nodongwe, lazintlekeza zaziingceba.