Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 12:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Isithunywa eso ke saqhuba sathi: “Ngelo thuba ke ingqwayi-ngqwayi yezithunywa uMikayeli, lo ungumalusi wamawenu, uya kuvela. Ke kaloku kuya kuthwasa ithuba leenkxwaleko, kunyembeleke ngendlela engazange yabakho ezimbalini zobukho bezizwe. Ngelo xesha ke abantu besizwe sakowenu – abo bamagama abhaliweyo encwadini – baya kusindiswa.

2. Abaninzi ke kwabo sebelele kobandayo baya kuvuka; abanye babo baya kuvukela ukuxhamla ubomi obungasoze buphele, baze abanye bavukele kubomi behlazo obumanyumnyezi obungenasiphelo.

3. Ke kaloku iinkokheli ezinobulumko ziya kukhanya ziqaqambe njengesibhakabhaka, baze abo bakhokelele abaninzi kwihambo elungileyo bakhazimle babengezele njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.

4. “Kambe ke, wena Daniyeli, ezi ndaba mazibe zezakwamkhozi, uyitywine incwadi leyo kude kube sekusongweni kwamaxesha, xa abaninzi baya kunyuka besihla bezama ukufumana ulwazi oluphangaleleyo ngezi zinto.”

5. Ndaza ke mna Daniyeli ndakhangela, phambi kwam ndabona amanye amadoda amabini emi elunxwemeni lomlambo ngapha nangapha.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 12