Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 11:37-45 Ibhayibhile (XHO96)

37. Soze akhathalele noothixo booyise, ngokunjalo nalowo ulangazelelwa ngabafazi. Ewe, akayi kukhathalela namnye uthixo, kuba uya kuzenza mkhulu kunabo.

38. Nto aya kuyenza kukunqula uthixo weenqaba – thixo lowo ke wayengaziwa nangooyise. Kodwa ke yena uya kumzukisa ngegolide, isiliva, namatye anqabileyo, nezinye izinto ezixabisekileyo.

39. Uya kuhlasela iinqaba ezomeleleyo, ekholose ngalo thixo wakhe wasemzini. Uya kubawonga abo bamvumayo lo thixo, aze ababeke ezikhundleni eziphezulu, abavuze ngemihlaba esisipho.

40. “Xa lisondelayo ixesha lesiphelo, ukumkani wasezantsi uya kuqubisana naye edabini, kodwa ke lo wasentla uya kuhla indulumbane kuye ngomkhosi weenqwelo, owamahashe, noweenqanawa. Uya kuzingenela azihlasele izizwe ezininzi, ukufika komkhosi wakhe kube ngathi kukugaleleka kwesikhukula.

41. Ewe, uya kude ahlasele nelizwe eliliqhayiya, oyise nezizwe ezininzi. Ke wona amaEdom namaMowabhi, kwakunye necandelo elikhulu lama-Amon, aya kuphuncuka esandleni sakhe.

42. Amagunya akhe aya kunabela kwizizwe ezininzi, ngokunjalo ke neJiputa ayiyi kusinda.

43. Uya kubuthimba ubutyebi baseJiputa, oozigolide, oozisiliva, nazo zonke izinto zakhona ezixabisekileyo. AmaLibhi namaKushe nawo uya kuwaphul' iimpondo.

44. Ke kaloku uya kothuswa ngamarhe avela empuma nakwelasentla, aze ke anduluke ngequbuliso efuthekile, ahambe esenza iziqwenga, abulale inkitha yabantu, etshabalalisa nje.

45. Ke iintente zakhe zobukhosi uya kuzigxumeka azimise phakathi kolwandle nentaba eliqhayiya engcwele, aze ke adibane nesiphelo sakhe, kungekho namntu uya kumhlangula.”

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 11