Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 11:21-37 Ibhayibhile (XHO96)

21. Isithunywa eso ke saqhuba sathi: “Endaweni yakhe ke kuya kungena umfo odelekileyo ongenaso isidima sobukhosi. Uya kungena kungekho mntu ulindeleyo, ubukhosi abuthathe ngobuqhophololo.

22. Uya kubatshayela bonke abamchasayo, atshabalalise netshawe lomnqophiso.

23. Uya kubakhohlisa abo avumelene nabo, azuze isikhundla esiphezulu, nakuba singephi isizwe sakowabo.

24. Uya kuhlasela imihlaba etyebileyo, ingalindelanga, abe nempumelelo egqwesa eyooyise neyooyise-mkhulu. Ke amaxhoba nako konke akufumeneyo emfazweni uya kukwabela abantu bakhe. Phofu koba lixeshana nje ezimisele ediliza iinqaba.

25. “Uya kuhlanganisa umkhosi omkhulu, azimisele ngamandla, ahlasele ukumkani wasezantsi. Nowasezantsi lowo ke uya kuxhobela imfazwe, amhlangabeze ngomkhosi omkhulu nowomeleleyo. Kambe ke, ngenxa yokuthiyiselwa ngamaqhinga, akayi kuba nampumelelo.

26. Uya kwenzakaliswa ngawona maphakathi adla esithebeni sakhe, uze umkhosi wakhe uvuthululwe uphele, babe baninzi abafayo.

27. Abo kumkani babini bohlala phantsi batye kunye, babhunge, iintliziyo zabo zityekele ebubini, bekhohlisana. Kambe ke yonke loo migudu yabo ayiyi kunceda nto, kuba selimiselwe imini yesiphelo sabo.

28. Lo wasentla ke ukumkani uya kugoduka exhakazela ngamaxhoba, kodwa intliziyo yakhe ichasene nabantu abanqophisene noThixo. Uya kubahlasela, aze abuyele kwelakowabo.

29. “Ke kaloku ngexesha elimisiweyo uya kuphinda ahlasele elasezantsi, koko ke zingalekelani izisulu.

30. Kaloku kuya kuvela iinqanawe kwelasentshonalanga, zimxine, ade arhoxe. Ekubuyeni kwakhe ke uya kuba sisifu, abahlasele abantu abanqophisene noThixo. Uya kusuka aqhogane nâbo bakreqileyo kulo mnqophiso.

31. Umkhosi wakhe uya kusuka uyixabhele inqaba eyindlu kaThixo, uwanqamle amadini emihla ngemihla, uze umisele into elisikizi eliphanzisayo.

32. Ngamazwi akhe okulalisa uya kubathiyisela abo bakreqileyo kumnqophiso kaThixo; ke bona abamaziyo uThixo baya kubambelela kumnqophiso bawugcine.

33. Ke zona iinkokheli zabantu ezinobulumko ziya kululeka abantu abaninzi. Kambe ke okwethutyana zoba sisisulu sekrele, umlilo, ukuthinjwa, nokuphangwa.

34. Ngexesha laloo nkxwaleko zozuza uncedo olungephi, nangona uninzi luya kuzibandakanya nazo luhanahanisa.

35. Ezinye zezo zilumko ke ziya kukhubeka, kodwa ke loo nto iya kuba luvavanyo, khon' ukuze zihlambuluke, zingabi nasici, kude kube sisiphelo esiya kufika ngexesha elimisiweyo.

36. “Ukumkani lowo ke uya kwenza ukuthanda kwakhe. Uya kuzigwagwisa azenze mkhulu kunabo bonke oothixo, ade alophoze intlamba elumezayo ngoThixo woothixo. Uya kuqhuba njalo ke enempumelelo, lide lifezeke ixesha lengqumbo, kwenzeke konke okumisiweyo.

37. Soze akhathalele noothixo booyise, ngokunjalo nalowo ulangazelelwa ngabafazi. Ewe, akayi kukhathalela namnye uthixo, kuba uya kuzenza mkhulu kunabo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 11