Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 10:7-12 Ibhayibhile (XHO96)

7. Lo mbono ke wabonwa ndim ndodwa mna Daniyeli. Amadoda endandikunye nawo wona zange awubone, koko asuka arhwaqela, aphakuzela, aya kuzimela.

8. Ke mna ndasala ndodwa ndiwubukele loo mbonokazi. Ndasuka ndavikiveka, nobuso bam bambatsha, ndaphelelwa tu ngamandla.

9. Ndayiva ke ithetha, ndathi ndisaphulaphule njalo ndalala obunzulu ubuthongo, ubuso bam bujongise emhlabeni.

10. Ndeva ndichukunyiswa sisandla, sandimisa ngamadolo kunye neentende zezandla zam ndigevezela.

11. Loo ndoda ke yathi kum: “Daniyeli, ungumfo oxabiseke kunene. Kambe ke phakama, ume kuloo ndawo ukuyo, uwagqale la mazwi ndiza kukuxelela wona, kuba ndithunywe kuwe.” Yakutsho ke ndaphakama, kodwa ndisangcangcazela.

12. Yaqhuba ke yathi: “Sukoyika, Daniyeli. Kaloku uThixo wawuva kwamhla-mnene umthandazo wakho ngalaa mhla waqala ukuzithoba, ufuna ingcaciso. Ndilapha nje kungenxa yaloo mazwi akho.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 10