Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 30:8-21 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla,

9. hleze ndikukhanyele ndakuhlutha,ndisuke ndithi: “Kuxa engubani yena *uNdikhoyo?”Ukanti ke naxa ndihlwempuzekile ndingasuka ndibe,ndihlazise igama likaThixo wam.

10. Isicaka sukusigxeka enkosini yaso,hleze sikushwabulele ube nobutyala.

11. Abanye abantu bayamshwabulela uyise,bangamthamsanqelisi nonina.

12. Bona bazicingela ukuba banyulu,kodwa babe bengazange bahlambuluka.

13. Aba bantu bazicingela bhetele.Awu, baziphakamisile kambe!

14. Basisizukulwana esimazinyo aziingxavula okwekrele,esimabamba abukhali okwemela,khon' ukuze baxhaphaze amahlwempu ehlabathini,ewe, nditsho abasweleyo phakathi kwabantu.

15. Ikhalane lineentombi ezimbini;zithi: “Ndiphe! Ndiphe!”Ewe, zintathu izinto ezingahluthiyo,gxebe, zine ezingasoze zithi: “Kwanele!”:

16. elabafileyo;umfazi ongafumani bantwana;umhlaba onxaniweyo;nomlilo ongatshoyo ukuthi: “Kwanele!”

17. Amehlo omntu ophoxisa ngoyise nocekisa ukuthobela uninaaya kuxholwa ngamahlungulu, anqwamzwe ngamaxhalanga.

18. Kukho izinto ezintathu eziyintsonkotha kum;gxebe, zine endingaziqondiyo:

19. ukubhabha kokhozi esibhakabhakeni;ukurhubuluza kwenyoka elulwalweni;ukuhamba kwenqanawa enzulwini yolwandle;ukuthandana komfana nentombi.

20. Inje indlela yomfazi okrexezayo:Uyadla, asule umlomo,athi: “Andenzanga nto imbi!”

21. Zintathu izinto ezilishukumisayo ihlabathi;gxebe, zine elingenako ukuzinyamezela:

funda isahluko epheleleyo Izafobe 30