Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 30:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanga amazwi ka-Agure unyana kaYake, udaba olundilisekileyo. Yasuka yadanduluka indoda leyo, yathi kuItiyeli, ewe, uItiyeli noUkali:

2. “Kaloku ndisesona sidenge ebantwini;kwaye ingqondo yomntu ayikho kum.

3. Zange ndabufunda ubulumko;andimazi lowo uyiNgcwele kanye.

4. Kanti ke, ngubani oselekhe waya ezulwini wabuya wehla;ingubani owakha wawubamba ngezakhe izanda umoya?Khona, ngubani owakha wabamba amanzi wawaqhinela ngesondo lengubo yakhe;ingubani khona owamisa imida yehlabathi?Khawutsho kaloku, ukuba unolwazi!Ngubani igama lakhe;ingubani unyana wakhe?

5. “Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;ulikhaka kwabazimela ngaye.

6. Musa ukongeza kwintetho yakhe,hleze akukhalimele, budandalaze ubuxoki bakho.”

7. Awu, Bawo, zimbini nje qha izinto endizicelayo kuwe;ewe, ndiphe zona ndingekafi!

8. Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla,

9. hleze ndikukhanyele ndakuhlutha,ndisuke ndithi: “Kuxa engubani yena *uNdikhoyo?”Ukanti ke naxa ndihlwempuzekile ndingasuka ndibe,ndihlazise igama likaThixo wam.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 30