Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 29:2-12 Ibhayibhile (XHO96)

2. Wakuba sezandleni zamalungisa umbuso, batsho bavuye abantu;kambe ke kwakulawula isikhohlakali iba ziincwina zodwa.

3. Othanda ubulumko uvuyisa uyise,kodwa ke yena othene nca namahenyukazi uchitha impahla yakhe.

4. Xa ukumkani elawula ngobulungisa litsho lizinze ilizwe lakhe;kambe ke yena orhwiphiliza irhafu uyalibhuqa.

5. Umntu onyhwalaza ummelwana wakheuzenzela umgibe iinyawo zakhe.

6. Umntu ogwenxa uthiyelwa sisono sakhe;kambe ke yena olilungisa uyaziculela onwabile.

7. Umntu olilungisa unemfobe ngâbo bahlelelekileyo,ke yena umntu okhohlakeleyo akayiqondi nokuyiqonda into enjalo.

8. Abagxeki baphembelela udushe esixekweni,kambe ke zona izilumko ziyawuthomalalalisa umsindo.

9. Umntu osisilumko xa emangalelene nesiyathasisuka sivuke umnyele siphoxise, kungabikho mvisiswano.

10. Izibulala-mntu zimthiyile umntu onyanisekileyo,ke bona abathe ngqo bayamkhusela umntu onjalo.

11. Isiyatha asiwulawuli umsindo;kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe.

12. Ukuba umlawuli nguthoba-sikutyele,onke amaphakathi akhe oba ngoongcothoza.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 29