Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 29:16-27 Ibhayibhile (XHO96)

16. Xa kulawula izikhohlakali siyanda isono,kambe ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwazo.

17. Umntwana olulekwayo uya kukunika ukuxola,aze ayivuyise intliziyo yakho.

18. Abantu abangenawo umbono kaThixo baba ziindlobongela;phofu ke unoyolo umntu owuthobelayo umthetho kaThixo.

19. Akuncedi nto ukulingxolisa ikhoboka,kuba nokuba liyaqonda aliyi kuphulaphula.

20. Uyambona na umntu othetha nje engaqiqanga?Akunani kwaisityhakala kunaye.

21. Ukuba uyalitefisa ikhoboka kwasebutsheni balo,ekugqibeleni liya kukudela.

22. Umntu ofan' acaphuke udala ingxabano;umfo onephuku uwa ewile esonweni.

23. Ikratshi liyamwisa umntu;kambe ke othobekileyo uba nesidima.

24. Ihlakani lomntu olisela lizibeka emngciphekweni;nakuba lisazi ukuba liza kohlwaywa nguThixo noko lithe cwaka.

25. Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.

26. Baninzi abazithandekisa kwiziphathamandla,kambe ke bona ubulungisa bufumaneka kuNdikhoyo.

27. Umntu onobuqhetseba uyacekiswa ngamalungisa;ngokunjalo nomntu othe ngqo uyacekiswa ngabakhohlakeleyo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 29