1. Umntu okhalinyelwa njalo, kodwa abe neenkani,wosuka aphalale ngephanyazo, angaze abe nabuyambo.
2. Wakuba sezandleni zamalungisa umbuso, batsho bavuye abantu;kambe ke kwakulawula isikhohlakali iba ziincwina zodwa.
3. Othanda ubulumko uvuyisa uyise,kodwa ke yena othene nca namahenyukazi uchitha impahla yakhe.
4. Xa ukumkani elawula ngobulungisa litsho lizinze ilizwe lakhe;kambe ke yena orhwiphiliza irhafu uyalibhuqa.
5. Umntu onyhwalaza ummelwana wakheuzenzela umgibe iinyawo zakhe.
6. Umntu ogwenxa uthiyelwa sisono sakhe;kambe ke yena olilungisa uyaziculela onwabile.
7. Umntu olilungisa unemfobe ngâbo bahlelelekileyo,ke yena umntu okhohlakeleyo akayiqondi nokuyiqonda into enjalo.
8. Abagxeki baphembelela udushe esixekweni,kambe ke zona izilumko ziyawuthomalalalisa umsindo.