Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 29:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umntu okhalinyelwa njalo, kodwa abe neenkani,wosuka aphalale ngephanyazo, angaze abe nabuyambo.

2. Wakuba sezandleni zamalungisa umbuso, batsho bavuye abantu;kambe ke kwakulawula isikhohlakali iba ziincwina zodwa.

3. Othanda ubulumko uvuyisa uyise,kodwa ke yena othene nca namahenyukazi uchitha impahla yakhe.

4. Xa ukumkani elawula ngobulungisa litsho lizinze ilizwe lakhe;kambe ke yena orhwiphiliza irhafu uyalibhuqa.

5. Umntu onyhwalaza ummelwana wakheuzenzela umgibe iinyawo zakhe.

6. Umntu ogwenxa uthiyelwa sisono sakhe;kambe ke yena olilungisa uyaziculela onwabile.

7. Umntu olilungisa unemfobe ngâbo bahlelelekileyo,ke yena umntu okhohlakeleyo akayiqondi nokuyiqonda into enjalo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 29