Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 28:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umntu okhohlakeleyo ubaleka kungekho mntu umsukelayo;ke wona amalungisa anobuganga njengeengonyama.

2. Xa ilizwe linovukelo baba baninzi abafuna ukuphatha,kodwa xa kukho ophatha ngengqiqo nolwazi uyazinza.

3. Umfo osweleyo otshutshisa amahlwempuuyafana nesikhukula esizitshabalalisayo izilimo.

4. Izaphula-mthetho ziyazincoma izikhohlakali,kambe ke bona abawuthobelayo umthetho bayazichasa izikhohlakali.

5. Abantu abagwenxa ababuqondi ubulungisa;kanti ke abo bazondelela uNdikhoyo baqonda zonke izinto.

6. Lilungile ihlwempu elihambo ingenabalangaphezu komkhohlisi ondlela zimbaxa nokuba usisityebi.

7. Umntwana onengqondo uyawuthobela umyalelo;ke yena otshomana noongantweni ubaphathela ihlazo abazali bakhe.

8. Umntu ozuza ubutyebi kuba ebolekisa aze axhaphaze abantu ngenzala ayibizayo,obo butyebi abuqokelelayo busuka bufunyanwe ngumntu wumbi owazelelelayo amahlwempu.

9. Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixokwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo.

10. Umntu owexulela amalungisa ekwenzeni ububi uya kweyela kwakuloo mgibe wakhe,kanti ke bona abamsulwa baya kukudla ilifa okulungileyo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 28