Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 26:17-28 Ibhayibhile (XHO96)

17. Umntu ogxuphuleka kwiingxabano zabanyeufana nomfo osuka athi nqaku inja ngeendlebe.

18. Ufana negeza elidubula ngeentolo zomlilo

19. umntu okhohlisa ummelwane wakhe aze ajike athi: “Hayi, bendiqhula nje.”

20. Zakuphela iinkuni uyacima umlilo.Xa kungekho mntu uphixanisayo kuyaphela ukungevani.

21. Ziinkuni ezivuthisa umlilo kwanjengokuba iintlantsi ziwavuthisa amalahle;ukwanjalo ke nomntu onochuku ukuphembelela ingxabano.

22. Amazwi omntu ohlebayo anencasa;abantu basuka bawathi bimbilili.

23. Amazwi alalanisayo efihla inkohlakalonqwa nesitya somdongwe esigqunywe ngesiliva ngaphandle.

24. Umntu onentiyo usenokuyifihla ngendlela athetha ngayo,kodwa ngaphakathi abe esabambelele enkohlakalweni.

25. Ewe, walumkele loo mazwi akhe amnandi,kuba intliziyo yakhe iyaphuphuma ngamanyondololo.

26. Nokuba angayifihla intiyo yakhe ngenkohliso,kodwa inkohlakalo yakhe yona iya kudandalaza esidlangalaleni.

27. Umntu owomba umngxuma kweyela kwayena kuwo.Lowo uqengqa ilitye losuka ligubungele kwayena.

28. Umntu onolwimi uyabathiya abo abenzakalisayo;umntu okhohlisayo udala intshabalalo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 26