1. Umntu ozahlulayo kwabanye ujongana nokwakhe ukulungelwa;uwasengela phantsi onke amacebiso aphilileyo.
2. Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.
3. Xa kuvela umntu okhohlakeleyo ngokunjalo nokudelela kuthath' indawo;ukuphoxa ke kuhambisana nehlazo.
4. Amazwi omlomo womntu anjengesiziba samanzi;kambe ke umthombo wobulumko yintlambo enkcenkcezayo.
5. Yinto embi ukuba nesheyi kumntu onenkohlakalo;akulunganga ukumenzela igobe umntu omsulwa.
6. Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;amazwi akhe ambizela ukubethwa.
7. Ukuthetha komntu osisityhifili kumzisela inkathazo;umlomo wakhe ngumgibe wakhe.