Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 17:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

10. Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo,kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisiyatha.

11. Umvukeli uqhwaya ingxwaba-ngxwaba;ke ngoko uthunyelwa isigidimi esingenanceba.

12. Kubhetele ukuhlangana nebhere eyohluthwe amathole ayo,kunokuhlangana nesityhakala sisenza ubudenge.

13. Umntu ophindezela ubuhle ngobubisoze yahlukane nelishwa indlu yakhe.

14. Ukuphemba inkathazo kufana nokuqhekezwa kodonga lwedama;ngoko ke nyawuka ingekakongameli.

15. Okhulula umntu onetyala nogweba umntu omsulwabobabini uNdikhoyo uyabacekisa.

16. Kunceda ntoni ukuba isiyatha siphathe imali, sifune ulwazi,kanti asinangqondo?

17. Umhlobo unothando ngamaxesha onke;ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.

18. Ngumntu ongenangqondo obamba isandla ebhambathisa,emela ityala lommelwane.

19. Umntu othanda ingxwaba-ngxwaba uthanda ubugwenxa;umntu osoloko eqhayisa ngezinto zakhe uzibizela iingxaki.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 17