1. UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe;kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi.
2. Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.
3. Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.
4. Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.
5. Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo;ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo.
6. Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo;kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka.