Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 11:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe;kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi.

2. Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.

3. Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.

4. Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.

5. Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo;ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo.

6. Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo;kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka.

7. Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka,nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha.

8. Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni –endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali.

9. Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.

10. Inkqubela yamalungisa itsho uchulumance umzi wonke;kanti ke ukufa kwezikhohlakali kutsho kuhlokome yimivuyo.

11. Isixeko siyaphakanyiswa sakuthamsanqelwa ngabantu abathe ngqo;kambe ke wona amazwi ezikhohlakali ayasitshabalalisa isixeko.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 11