Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 1:26-33 Ibhayibhile (XHO96)

26. Ke mna ndiya kuhlekisa ngani nakungena enkathazweni;ndiya kuphoxisa ngani ngomhla wonxunguphalo.

27. Ewe, nditsho naxa senirhwaqele lunxunguphalo,lunihlasela njengesaqhwithi;seningathi nirhiwulwa sisivunguvane,imbandezelo neenzingo zinifikele.

28. “Ngenene, niya kuzibika kum, kodwa ke mna ndingasabeli.Niya kuba ngabhadula nindifuna, ningandizuzi.

29. Kaloku nisuke naluthiya ulwazi,anakukhathalela ukuthobela *uNdikhoyo.

30. Ewe, anilamkelanga icebiso lam,anivumanga naxa ndinilumkisa.

31. Ngoko ke niya kuvuna loo nto niyilimileyo;amacebo enu lawo niya kuwatya nide niwatyekeze.

32. Kaloku iziyatha zifa kuba zibumangala ubulumko;zona izityhakala zizibhubhisa ngokungakhathaleli nto.

33. Kambe ke bona abandiphulaphulayo bahlala bekhuselekile;ewe, bathi zava, bengaxhalele kwenzakaliswa nto.”

funda isahluko epheleleyo Izafobe 1