23. Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,bendinganiphokozela umoya wobulumko,ndabelane nani ngolwazi lwam.
24. Kaloku ndibe ngabiza, anisabeli;ndibe nganolulela isandla sam, akukho bani usamkelayo!
25. Ewe, anilikhathalele icebiso lam;anivumi kusamkela nesilumkiso sam.
26. Ke mna ndiya kuhlekisa ngani nakungena enkathazweni;ndiya kuphoxisa ngani ngomhla wonxunguphalo.
27. Ewe, nditsho naxa senirhwaqele lunxunguphalo,lunihlasela njengesaqhwithi;seningathi nirhiwulwa sisivunguvane,imbandezelo neenzingo zinifikele.
28. “Ngenene, niya kuzibika kum, kodwa ke mna ndingasabeli.Niya kuba ngabhadula nindifuna, ningandizuzi.
29. Kaloku nisuke naluthiya ulwazi,anakukhathalela ukuthobela *uNdikhoyo.
30. Ewe, anilamkelanga icebiso lam,anivumanga naxa ndinilumkisa.
31. Ngoko ke niya kuvuna loo nto niyilimileyo;amacebo enu lawo niya kuwatya nide niwatyekeze.
32. Kaloku iziyatha zifa kuba zibumangala ubulumko;zona izityhakala zizibhubhisa ngokungakhathaleli nto.
33. Kambe ke bona abandiphulaphulayo bahlala bekhuselekile;ewe, bathi zava, bengaxhalele kwenzakaliswa nto.”