Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 8:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Amadoda amakhulu aseSukoti ala, athi: “Yini le? Ngaba sewuboyisile ooZebha noZalmuna, khon' ukuze umkhosi wakho siwunike isonka?”

7. UGidiyon ke wathi: “Hayi ke, kulungile! Akuba ebanikele kum *uNdikhoyo ooZebha noZalmuna, nina ndiya kuniphala ngameva nenkunzane.”

8. Wagqitha ke waya kutsho ePenuweli, nalapho ke wenza kwaeso sicelo kubantu balapho; nabo ke bamphendula kwangolo hlobo lwamaSukoti.

9. Wathi ke kubo: “Akukho nto. Ndiza kubuya xa ndiloyisile utshaba, ndaye ke ndakuba ndibuyile ndiya kuyidiliza le nqaba yenu.”

10. Ke uZebha noZalmuna nomkhosi wabo babeseKarekore. Kuloo mkhosi wabantu basempumalanga kwakuwe amadoda akwisithuba samawaka alikhulu elinamashumi amabini, kwasala ishumi elinesihlanu lamawaka kuphela.

11. UGidiyon ke wenjenjalo ukumka ngaloo ndlela yabemi basentlango, ngakwimpuma yeNobha neJogebheha, waza wawuqubula loo mkhosi, wawoyisa.

12. Ke bona ookumkani abo, uZebha noZalmuna, babaleka, waza ke wabasukela wababamba, watsho nomkhosi wabo warhwaqela.

13. Ekubuyeni kwakhe kwelo dabi uGidiyon unyana kaJowashe wahamba ngendlela eqabela kwinkalo yeHeres,

14. waza wabamba umfana waseSukoti, wamncina ngemibuzo. Lo mfana wabhalela uGidiyon amagama amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe anesixhenxe aseSukoti.

15. UGidiyon ke waya kumaSukoti, wafika wathi: “Naba ke uZebha noZalmuna enaniphoxisa ngam ngenxa yabo, nisithi: ‘Ngaba sewuboyisile na ooZebha noZalmuna, le nto selufuna siwunike isonka umkhosi wakhe odiniweyo?’ ”

16. Ngoko ke wathatha ameva nenkunzane, wawaphala ngayo, ewafundisa isifundo amadoda amakhulu aseSukoti.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 8