Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 6:6-7-26 Ibhayibhile (XHO96)

6-7. kangangokuba ahlwempuzeka amaSirayeli engenakwenza nto.Ngenxa yale mpatho yamaMidiyan ke amaSirayeli azibika kuNdikhoyo.

8. Ke yena wawathumela umshumayeli owathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndanikhupha eJiputa, ilizwe enaningamakhoboka kulo.

9. Ndanihlangula kumaJiputa nakwiintlanga ezanicinezelayo kweli lizwe. Ndazigxotha xa ningenayo, ndaza ndaninika umhlaba wazo.

10. Ndaniyala ndathi: “Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; ningaze niboyike oothixo bama-Amori enihlala emhlabeni wawo.” Kuloo nto yonke ke anindiphulaphulanga.’ ”

11. Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo saya kwilali yaseOfra, safika sahlala phantsi komthi wom-oki owawungokaJowashe, umfo womzi ka-Abhiyezere. Unyana wakhe uGidiyon wayebhula ingqolowa esixovulweni seediliya khon' ukuze angabonwa ngamaMidiyan.

12. Isithunywa eso ke sabonakala kuye sathi: “UNdikhoyo unawe, gorhandini lomeleleyo!”

13. UGidiyon wathi kuso: “Ngxe, Mhlekazi! Ukuba uNdikhoyo unathi, kungani ukuba sihlelwe zizinto ezinje? Zaya phi eza zigigaba zezinto ezimangalisayo sasihlala sibaliselwa ngazo ngoobawo, kusithiwa uNdikhoyo wayezenza – ezo wazenzayo nasekubakhululeni kwakhe eJiputa? Kungokunje uNdikhoyo usilahlile; usinikele ezandleni zamaMidiyan.”

14. UNdikhoyo ke wabheka kuye, wathi: “Hamba ngala mandla unawo, uwasindise amaSirayeli ezandleni zamaMidiyan. Kaloku ndim okugunyazisayo.”

15. UGidiyon wathi: “Camagu, Nkosi yam, ndingawahlangula njani na amaSirayeli? Umzi wakowethu ungento nje kwaManase, nam ndingongazelwe nto kowethu nje?”

16. UNdikhoyo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. AmaMidiyan uya kuwatshayela, abe ngathi kuwe angumntu omnye.”

17. UGidiyon waphendula wathi: “Ukuba ungakum, nceda undenzele umqondiso wokuba nguwe Ndikhoyo lo uthetha nam.

18. Nceda, sukumka de ndibuye nomnikelo, ndiwubeke phambi kwakho.”Saphendula sathi: “Hayi ke, ndiza kuhlala apha ude ubuye.”

19. UGidiyon ke waya kuxhela ibhokhwe esencinci, wayipheka. Wenza nesonka ngomgubo oziikhilogram ezilishumi. Intlama leyo zange ayidibanise nagwele. Inyama leyo wayifaka ebhaskitini, waza wawuphatha ngembiza umhluzi; waya nazo ezo zinto kwisithunywa sikaNdikhoyo esasiphantsi komthi wom-oki.

20. Ke sona sathi kuye: “Inyama leyo nesonka zibeke phezu kweli litye, uzigalele umhluzi.” Wenjenjalo ke uGidiyon.

21. Ke sona isithunywa eso sachukumisa inyama leyo nesonka ngentonga esasiyiphethe. Kwaqhambuka umlilo elityeni, wayilenya inyama leyo kunye nesonka eso. Emva koko isithunywa saphel' emehlweni.

22. Waqonda ke uGidiyon ukuba sisithunywa sikaNdikhoyo esi asibonileyo. Wavakala esithi: “Yhuu, Ndikhoyo, Ngangalala! Isithunywa sikaNdikhoyo ndisibone ubuso ngobuso!”

23. Waphendula ke uNdikhoyo wathi: “Xola, ungatatazeli; awuzukufa.”

24. Ke uGidiyon wakhela uNdikhoyo iqonga lamadini kuloo ndawo, wathi igama lalo nguNdikhoyo-uluxolo. (Lisekhona ke nangoku eOfra, engumhlaba womzi ka-Abhiyezere.)

25. Ngobo busuku ke uNdikhoyo wayalela uGidiyon wathi: “Thatha inkunzi yenkomo kwezikayihlo, nditsho le yesibini, le inesixhenxe seminyaka. Uzulidilize ke iqonga likayihlo elakhelwe uBhali, unqunqe nomfanekiso womthi wesithixokazi uAshera osecaleni kweqonga elo.

26. Yakhela uNdikhoyo iqonga encotsheni yale nqaba, wenze idini elitshiswayo ngenkunzi yesibini leyo, ubase ngalaa mfanekiso ka-Ashera uwunqunqileyo.”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 6