Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 6:32-40 Ibhayibhile (XHO96)

32. Ukusukela ngoko ke uGidiyon kwathiwa nguJerubhali, kuba uJowashe ethe: “UBhali makahlanganise, kuba liqonga lakhe elidiliziweyo.”

33. Ahlanganisana ke amaMidiyan nama-Amaleki nezizwe zasempumalanga, baza bawela iJordan, baya kumisa kwintili yaseYizereli.

34. UGidiyon wagutyungelwa nguMoya kaNdikhoyo, wakhalisa isigodlo ememeza amawabo omzi ka-Abhiyezere ukuba abophelele amlandele.

35. Wathumela izigidimi ukuba abizwe eze kuye amadoda onke akwaManase. Wathumela nakwa-Ashere, kwaZebhulon, nakwaNafetali, zaza ke zeza nezo zindlu.

36. UGidiyon wathi ke kuThixo: “Ukuba ngenene uza kuhlangula amaSirayeli ngesandla sam naku ke endiza kukwenza:

37. Ndiza kubeka uboya begusha phaya esandeni sengqolowa. Ukuba ke kuse ibuboya obo bodwa obunombethe, ungekho kodwa emhlabeni, ndiya kuqonda ke ukuba ngenene uza kuwahlangula ngesandla sam amaSirayeli.”

38. Kwaba njalo ke. Ngengomso wathi akubukhama obo boya kwaphuma ingqayi yonke yamanzi.

39. Ngoku ke wathi uGidiyon kuThixo: “Ungakhathazeki; mandiphinde ndenze esinye isicelo. Nceda undiqinisekise kwakhona ngobu boya. Kwesi isihlandlo ndifuna uboya bome qoko, kodwa wona umhlaba ube manzi.”

40. Ngobo busuku ke uThixo wayenza loo nto. Ngengomso kwasa uboya bomile, ke wona umhlaba wonke umanzi ngumbethe.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 6