Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 6:15-24 Ibhayibhile (XHO96)

15. UGidiyon wathi: “Camagu, Nkosi yam, ndingawahlangula njani na amaSirayeli? Umzi wakowethu ungento nje kwaManase, nam ndingongazelwe nto kowethu nje?”

16. UNdikhoyo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. AmaMidiyan uya kuwatshayela, abe ngathi kuwe angumntu omnye.”

17. UGidiyon waphendula wathi: “Ukuba ungakum, nceda undenzele umqondiso wokuba nguwe Ndikhoyo lo uthetha nam.

18. Nceda, sukumka de ndibuye nomnikelo, ndiwubeke phambi kwakho.”Saphendula sathi: “Hayi ke, ndiza kuhlala apha ude ubuye.”

19. UGidiyon ke waya kuxhela ibhokhwe esencinci, wayipheka. Wenza nesonka ngomgubo oziikhilogram ezilishumi. Intlama leyo zange ayidibanise nagwele. Inyama leyo wayifaka ebhaskitini, waza wawuphatha ngembiza umhluzi; waya nazo ezo zinto kwisithunywa sikaNdikhoyo esasiphantsi komthi wom-oki.

20. Ke sona sathi kuye: “Inyama leyo nesonka zibeke phezu kweli litye, uzigalele umhluzi.” Wenjenjalo ke uGidiyon.

21. Ke sona isithunywa eso sachukumisa inyama leyo nesonka ngentonga esasiyiphethe. Kwaqhambuka umlilo elityeni, wayilenya inyama leyo kunye nesonka eso. Emva koko isithunywa saphel' emehlweni.

22. Waqonda ke uGidiyon ukuba sisithunywa sikaNdikhoyo esi asibonileyo. Wavakala esithi: “Yhuu, Ndikhoyo, Ngangalala! Isithunywa sikaNdikhoyo ndisibone ubuso ngobuso!”

23. Waphendula ke uNdikhoyo wathi: “Xola, ungatatazeli; awuzukufa.”

24. Ke uGidiyon wakhela uNdikhoyo iqonga lamadini kuloo ndawo, wathi igama lalo nguNdikhoyo-uluxolo. (Lisekhona ke nangoku eOfra, engumhlaba womzi ka-Abhiyezere.)

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 6