Baphuma kwaEfrayim baya kutsho entilini,ezinyaweni zabo inguBhenjamin namawabo;iingqwayi-ngqwayi zeza ziphuma kwaMakire,zona izithwala-ndwe zivela kwaZebhulon.