Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 3:24-31 Ibhayibhile (XHO96)

24. wemka. Izicaka ke zeza, zaza zakusondela zabona tyhini iingcango zitshixiwe, zacinga ukuba fana ukumkani ulapho ngaphakathi, ese.

25. Zakha zalinda umzuzu omde ucango lungavulwa. Zada zancama, zathatha izitshixo, zavula. Tyhini! Nanko umhlekazi ethe gangalala apho phantsi, itshoba lilel' umbethe.

26. Zathi zisathingaza izicaka zikakumkani, wesuka wemka yena uEhudi, waya kugqitha kuloo mifanekiso yezithixo, waya kutsho eSeyira.

27. Wathi akufika kweleentaba lakwaEfrayim wavuthela isigodlo, ahlangana amaSirayeli, wawakhokela wehla nawo kwezo nduli.

28. Wathi kuwo: “Yizani! UNdikhoyo uzinikele ezandleni zenu iintshaba zenu amaMowabhi.” Ngoko ke amaSirayeli ehla, ekhokelwa nguEhudi, aza awalalela amaMowabhi emazibukweni ayeza kuyiwela ngawo iJordan; avala ke apho, akwawela nendoda enye le.

29. Ngaloo mihla ke abulala kwisithuba seshumi lamawaka awona majoni omeleleyo anobukroti omkhosi wamaMowabhi; zange kusinde nelinye.

30. Ewe, ngaloo mihla amaSirayeli awoyisa amaMowabhi, kwaza ke kwalandela iminyaka yenzolo engamashumi asibhozo.

31. UEhudi walandelwa nguShamgare unyana ka-Anati. Naye ke wawakhulula amaSirayeli. Wabulala amaFilistiya angamakhulu amathandathu ngesixhobo sokuqhuba iinkomo esifana nomkhonto.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 3