Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 21:9-25 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ngexesha lokuhlelwa komkhosi akubangakho mntu wayevela eJabheshe.

10. Ngoko ke ibandla lakhupha ishumi elinambini lamawaka amajoni angoompondo-zihlanjiwe, lawayalela ukuba aye eJabheshe, afike abulale wonke umntu nomfazi nomntwana lo wembala.

11. Kwathiwa: “Wabulaleni amadoda nabafazi, nisindise iintombi nto.”

12. Ke apho eJabheshe afumana amakhulu amane eentombi ezingazananga nandoda, aza azithatha aya nazo esikhululweni eShilo kumhlaba waseKanana.

13. Ke ibandla lathumela kumaBhenjamin awayekumawa aseRimon, lawanikezela imiqathango yoxolo.

14. Ke amaBhenjamin abuya, aza amaSirayeli awanikezela ezo ntombi zaseJabheshe eGiliyadi zazisindile; kambe ke zange ziwanele amaBhenjamin lawo.

15. AmaSirayeli avelana namaBhenjamin, kuba uNdikhoyo enze umsantsa phakathi kwezindlu zikaSirayeli.

16. Ngoko ke amadoda amakhulu athi: “Njengokuba betshatyalalisiwe nje abafazi kwaBhenjamin, sothini ukuyifumanela abafazi inxalenye yawo?”

17. Aza athi: “Ingayinto embi ukuba kubekho indlu enqanyulwayo kwaSirayeli ngokungabi nazindlalifa. Makufunwe indlela yokuba indlu kaBhenjamin ingatshitshi.

18. Kodwa thina ngokwethu asinako ukuyendisela iintombi zethu, njengoko senze isifungo sathi: ‘Nabani na owendisela intombi yakhe kwaBhenjamin uqalekisiwe.’

19. Kambe ke umbhiyozo waminyaka le kaNdikhoyo eShilo sowusondele.” Ke iShilo yayingasentla kweBhetele, ngezantsi kweLebhona, kwimpuma yendlela ephakathi kweBhetele neShekem.

20. Ke ayalela amaBhenjamin athi: “Ze nihambe nifike nizímele ezidiliyeni,

21. nilalele. Nakuphawula ukuba ziphumile iintombi zaseShilo, zingqungqa, phumani ezidiliyeni, ibe ngulowo nalowo azithathele umfazi apho kuzo, aye naye kwaBhenjamin.

22. Ukuba ooyise okanye abanakwazo beze kuxambulisana nathi, sothi kubo: ‘Siyanibongoza, baveleni. Kaloku asibafumanelanga abafazi emfazweni. Kambe ke nina nimsulwa – kaloku bazithwele; abazinikwanga nini iintombi zenu.’ ”

23. Ngenene ke amaBhenjamin ayenza loo nto; indoda nganye kuwo yazikhethela umfazi kwezo ntombi zazingqungqa eShilo, yayithwala, yagoduka nayo. Egodukile ke amaBhenjamin abuya azakha iidolophu zawo, abuya ema kuzo.

24. Nawo ke amaSirayeli agoduka. Indoda nganye yaya kuxhamla ilifa layo emzini wayo kwisizwe sakowayo.

25. Ke kaloku ngelo thuba kwakungekho kumkani kwaSirayeli; umntu ngamnye ke wayesenza unothanda.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 21