Ngenene ke amaBhenjamin ayenza loo nto; indoda nganye kuwo yazikhethela umfazi kwezo ntombi zazingqungqa eShilo, yayithwala, yagoduka nayo. Egodukile ke amaBhenjamin abuya azakha iidolophu zawo, abuya ema kuzo.