Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 21:22-25 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ukuba ooyise okanye abanakwazo beze kuxambulisana nathi, sothi kubo: ‘Siyanibongoza, baveleni. Kaloku asibafumanelanga abafazi emfazweni. Kambe ke nina nimsulwa – kaloku bazithwele; abazinikwanga nini iintombi zenu.’ ”

23. Ngenene ke amaBhenjamin ayenza loo nto; indoda nganye kuwo yazikhethela umfazi kwezo ntombi zazingqungqa eShilo, yayithwala, yagoduka nayo. Egodukile ke amaBhenjamin abuya azakha iidolophu zawo, abuya ema kuzo.

24. Nawo ke amaSirayeli agoduka. Indoda nganye yaya kuxhamla ilifa layo emzini wayo kwisizwe sakowayo.

25. Ke kaloku ngelo thuba kwakungekho kumkani kwaSirayeli; umntu ngamnye ke wayesenza unothanda.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 21