Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 20:19-36 Ibhayibhile (XHO96)

19. Anduluka ke amaSirayeli ngentsasa elandelayo, aya kumisa ngaseGibheya.

20. Aphuma amajoni amaSirayeli, esiya kulwa namaBhenjamin, akha uhlelo phambi kweGibheya.

21. Wacombuluka ke umkhosi wamaBhenjamin, waphuma apho esixekweni, waza ngaloo mini wageqa amashumi amabini anambini amawaka amajoni amaSirayeli.

22. Kambe ke ngengomso amaSirayeli omelezana; aphinda amajoni awo awamisa kwangalaa ndlela ayewamise ngayo ngezolo.

23. Kaloku amaSirayeli ayeye kuzibika kuNdikhoyo, alila iinyembezi kwada kwahlwa. Abuzisa kuye kwakhona, athi: “Ngaba masiye na ukuya kulwa namawethu amaBhenjamin?”UNdikhoyo ke waphendula wathi: “Yiyani nilwe nawo.”

24. Ngosuku olulandelayo amaSirayeli aphinda amhlasela uBhenjamin.

25. Nangesi ke isihlandlo amaBhenjamin aphuma eGibheya, aza ageqa ishumi elinesibhozo lamawaka oompondo-zihlanjiwe bamaSirayeli.

26. Aphuma ke onke amaSirayeli, aya kulila eBhetele. Ahlala apho phambi koNdikhoyo, akuzila ukutya kwada kwahlwa. Enza amadini atshiswayo, ngokunjalo nawobudlelwana, esenzela uNdikhoyo.

27-28. Ngelo xesha ke ityesi yomnqophiso yayilapho eBhetele. Ke uPineyasi unyana kaElazare umzukulwana ka-Aron yayinguye umbingeleli apho. AmaSirayeli ke aphinda abuzisa kuNdikhoyo, athi: “Ngaba masiye ukuya kulwa namawethu amaBhenjamin, okanye masincame?”UNdikhoyo ke waphendula wathi: “Phakathi! Ngomso ndiza kunithi jize ngoloyiso!”

29. Ngoko ke amaSirayeli afihla amanye amajoni, axhwarha kufuphi neGibheya.

30. Nangolu lwesithathu usuku amaSirayeli amhlasela uBhenjamin, amajoni akha uhlelo ekhangele iGibheya njenga-ngaphambili.

31. AmaBhenjamin aphuma ukuhlangabeza, ada asishiya isixeko. Njengezolo ke akhe ageqa apho kumaSirayeli kuloo mathafa nakwindlela eya eBhetele neya eGibheya. Kwafa amashumi amathathu amaSirayeli.

32. AmaBhenjamin athi: “Isesesezolo; siwafumene!”Ke wona amaSirayeli athi: “Masihlehle, khon' ukuze siwatsalele ezindleleni kude nesixeko.”

33. Wathi ke umkhosi wamaSirayeli waqokelelana eBhali-tamare, waza lowa wawulalele ngaseGibheya wadyulukudela ukuphuma kwezo ziwana zingqonge isixeko.

34. IGibheya ke yahlaselwa lishumi lamawaka angoompondo-zihlanjiwe, bekhethwe kuSirayeli ephela. Hayi ke, yaba yinkwa nenkwa, phofu yena uBhenjamin engaqondi ukuba namhlanje ihlile intlekele.

35. UNdikhoyo wamoyisa uBhenjamin ngamaSirayeli. AmaSirayeli atshabalalisa amashumi amabini anantlanu amawaka anekhulu ngaloo mini, onke eziincutshe zekrele,

36. waza ke uBhenjamin waqonda ukuba woyisiwe.Umkhosi wamaSirayeli wahlehla, kuba ukholose ngalowo wawulalele kufuphi neGibheya uzimele.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 20