Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 20:13-19 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ngoko ke zikhupheni ezo ndlavini zaseGibheya, sizibulale, silihlambe eli nyala kwaSirayeli.” Kambe ke amaBhenjamin zange awahoye amazwi athethwa ngamawabo amaSirayeli.

14. Ndaweni yaloo nto amaBhenjamin aphuma kuzo zonke izixeko zawo, ahlangana eGibheya, aza aya kulwa namaSirayeli.

15. Ngaloo mini akhupha amashumi amabini anesithandathu amajoni kuzo zonke izixeko zawo. Ngaphezu koko abemi baseGibheya bakhupha amajoni akhethiweyo angamakhulu asixhenxe,

16. onke engamanxele. La manxele onke ayeziincutshe zokusawula *ngenkwitshi atsho khona.

17. Amajoni amaSirayeli, ngaphandle kwamaBhenjamin, ayengamakhulu amane amawaka, onke engoompondo-zihlanjiwe.

18. Ke amaSirayeli aya eBhetele, aza abuza kuThixo athi: “Yiyiphi na indlu emayiqale ukuhlasela uBhenjamin?”*UNdikhoyo ke wathi: “Mayibe nguJuda.”

19. Anduluka ke amaSirayeli ngentsasa elandelayo, aya kumisa ngaseGibheya.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 20