Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 16:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ke izikhulu zamaFilistiya zaya kuyo, zathi: “Msondeze uSamson de akuxelele imfihlelo yala mandla akhe angaka, ucebise ukuba singenza kanjani na ukuze simbambe, simbophe, simoyise. Umntu ngamnye kuthi uya kukunika iisiliva ezilishumi elinanye lamakhulu.”

6. Ngoko ke uDelila wacengana noSamson, wathi: “Ndihlebele; uwathatha phi la mandla angaka? Ungabotshwa ngantoni ukuze woyisakale?”

7. USamson wamphendula wathi: “Ukuba ndingabotshwa ngesixhenxe seentsontelo ezingekomi, amandla am angatha, ndifane nabanye abantu.”

8. Izikhulu zamaFilistiya ke zanika uDelila iintsontelo ezisixhenxe ezingekomi, waza ke wambopha ngazo uSamson.

9. Ke kaloku uDelila wayefihle amadoda endlwini apho, waza ke wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” Ke yena uSamson ezo ntsontelo wazithi gqashu-gqashu okomtya ulenywa ngumlilo. Ngoko ke imfihlelo yamandla akhe yasala ingaziwa mntu.

10. UDelila wathetha noSamson, wathi: “Wena uphoxe ngam, wandixokisa. Khawundixelele ukuba ungabotshwa ngantoni na.”

11. USamson waphendula wathi: “Ukuba banokundibopha ngeentsontelo ezintsha ezingekasebenzi, amandla am angetha, ndifane nabanye abantu.”

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 16