Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 16:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngamhla uthile uSamson waya eGaza, waza wabona ihenyukazi, waya kulalisa kulo.

2. Abantu baseGaza baxelelwa kwathiwa: “USamson ulapha.” Baza bawurhawula loo mzi ubusuku bonke, bamlalela nasemasangweni esixeko. Bahlala ubusuku bonke, besithi: “Kwakusa ngomso sombulala.”

3. Kambe ke yena uSamson wavuka phakathi kobusuku, waya esangweni lesixeko, wafika wayibamba imigubasi kunye neengcango nomvalo, wasiphula konke. Wayixwaya emagxeni, waya nayo kwinduli ekhangelene neHebron.

4. Kwakhona ke uSamson wathandana nentokazi yentili yaseSoreki egama linguDelila.

5. Ke izikhulu zamaFilistiya zaya kuyo, zathi: “Msondeze uSamson de akuxelele imfihlelo yala mandla akhe angaka, ucebise ukuba singenza kanjani na ukuze simbambe, simbophe, simoyise. Umntu ngamnye kuthi uya kukunika iisiliva ezilishumi elinanye lamakhulu.”

6. Ngoko ke uDelila wacengana noSamson, wathi: “Ndihlebele; uwathatha phi la mandla angaka? Ungabotshwa ngantoni ukuze woyisakale?”

7. USamson wamphendula wathi: “Ukuba ndingabotshwa ngesixhenxe seentsontelo ezingekomi, amandla am angatha, ndifane nabanye abantu.”

8. Izikhulu zamaFilistiya ke zanika uDelila iintsontelo ezisixhenxe ezingekomi, waza ke wambopha ngazo uSamson.

9. Ke kaloku uDelila wayefihle amadoda endlwini apho, waza ke wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” Ke yena uSamson ezo ntsontelo wazithi gqashu-gqashu okomtya ulenywa ngumlilo. Ngoko ke imfihlelo yamandla akhe yasala ingaziwa mntu.

10. UDelila wathetha noSamson, wathi: “Wena uphoxe ngam, wandixokisa. Khawundixelele ukuba ungabotshwa ngantoni na.”

11. USamson waphendula wathi: “Ukuba banokundibopha ngeentsontelo ezintsha ezingekasebenzi, amandla am angetha, ndifane nabanye abantu.”

12. Ke uDelila wathatha iintsontelo ezintsha, wambopha ngazo uSamson, waza wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” AmaFilistiya ke ayelalele endlwini apho. Kodwa yena uSamson waziqhawula ezo ntsontelo ezazisezingalweni zakhe zanga yimisonto.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 16