Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 13:18-25 Ibhayibhile (XHO96)

18. Saphendula ke sona sathi: “Ngani ukuba ubuze igama lam? Ligama elingummangaliso eligqitha ukuqonda!”

19. Ngoko ke uManowa wathatha igatyana lebhokhwe kunye nokutya okuziinkozo, wenza idini phezu kwelitye, elenzela uNdikhoyo. UNdikhoyo wênza into emangalisayo uManowa nomkakhe bebukele.

20. Wathi wakudangazela umlilo apho eqongeni, unyuka usiya ezulwini, uManowa nomkakhe basibona isithunywa sikaNdikhoyo sinyuka ngelo langatye, baza baziphosa emhlabeni. Abaphindanga ke basibone isithunywa eso.

21. Waqonda ke uManowa ngoku ukuba kuthe kanti sisithunywa sikaNdikhoyo esi bebethetha naso.

22. UManowa ke wathetha nomkakhe, wathi: “Nakanjani na simelwe kukufa, kuba sibone uThixo!”

23. Kambe ke yena umkakhe waphendula wathi: “Ukuba uNdikhoyo ebefuna ukusibulala ngengalamkelanga idini lethu elitshiswayo nomnikelo wethu wokutya; futhi ngengasibonisanga okanye asixelele izinto ezinje.”

24. Ke kaloku umka-Manowa wafumana umntwana oyinkwenkwe, baza bayithiya igama elinguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uNdikhoyo wayithamsanqela.

25. UMoya kaNdikhoyo ke waqala ukumongamela uSamson eseMahane-dan phakathi kweZora ne-Eshtawoli.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 13