Wathi wakudangazela umlilo apho eqongeni, unyuka usiya ezulwini, uManowa nomkakhe basibona isithunywa sikaNdikhoyo sinyuka ngelo langatye, baza baziphosa emhlabeni. Abaphindanga ke basibone isithunywa eso.