Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 13:10-24 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ke umfazi wakhawuleza waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Laa mfo ubeze kum ngalaa mini uphinde wabonakala!”

11. Waphakama ke uManowa, walandela umkakhe. Wafika wayibuza ke indoda wathi: “Ungulaa mfo wayethethe nenkosikazi yam?”“Ndinguye,” watsho umfo lowo.

12. Waqhuba ke uManowa wathi: “Ke, akuba ezalisekile la mazwi akho, imelwe kukuziphatha njani inkwenkwe leyo, yenze ntoni?”

13. Saphendula ke isithunywa sikaNdikhoyo sathi: “Nakanjani na umkakho makenze njengoko ndimyalele.

14. Into ephuma emdiliyeni makangayifaki emlonyeni, angaseli wayini natywala, angayityi nento engavunyelwanga ngumthetho kaThixo. Makakunyamekele konke endimyalele kona akwenze.”

15. Ke uManowa wathi kwisithunywa sikaNdikhoyo: “Khawuhlale, khon' ukuze ndikuxhelele itakanana lebhokhwe.”

16. Ke sathi kuye: “Nokuba ndingade ndihlale, sobe ndikutye ukutya kwakho. Into ongayenzayo wena kukwenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo.” Kaloku uManowa wayengaqondi ukuba sisithunywa sikaNdikhoyo esi athetha naso.

17. UManowa ke wasibuza isithunywa sikaNdikhoyo wathi: “Kakade ke ungubani igama lakho? Kuba ke sifuna ukukuwonga akuzaliseka la mazwi akho.”

18. Saphendula ke sona sathi: “Ngani ukuba ubuze igama lam? Ligama elingummangaliso eligqitha ukuqonda!”

19. Ngoko ke uManowa wathatha igatyana lebhokhwe kunye nokutya okuziinkozo, wenza idini phezu kwelitye, elenzela uNdikhoyo. UNdikhoyo wênza into emangalisayo uManowa nomkakhe bebukele.

20. Wathi wakudangazela umlilo apho eqongeni, unyuka usiya ezulwini, uManowa nomkakhe basibona isithunywa sikaNdikhoyo sinyuka ngelo langatye, baza baziphosa emhlabeni. Abaphindanga ke basibone isithunywa eso.

21. Waqonda ke uManowa ngoku ukuba kuthe kanti sisithunywa sikaNdikhoyo esi bebethetha naso.

22. UManowa ke wathetha nomkakhe, wathi: “Nakanjani na simelwe kukufa, kuba sibone uThixo!”

23. Kambe ke yena umkakhe waphendula wathi: “Ukuba uNdikhoyo ebefuna ukusibulala ngengalamkelanga idini lethu elitshiswayo nomnikelo wethu wokutya; futhi ngengasibonisanga okanye asixelele izinto ezinje.”

24. Ke kaloku umka-Manowa wafumana umntwana oyinkwenkwe, baza bayithiya igama elinguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uNdikhoyo wayithamsanqela.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 13