Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 96:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.

4. Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu;ufanelwe kukoyikwa ngaphezu *kwezithixo zonke,

5. kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.

6. Yena unobungangamsha nesithozela;kukho isihomo nendili apho akhoyo.

7. Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.

8. Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, ningene endlwini yakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 96