Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 96:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mombeleleni ingoma entsha *uNdikhoyo!Mombelel' uNdikhoyo, hlabathi lonke!

2. Mombelelen' uNdikhoyo, nibonge igama lakhe;zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.

3. Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.

4. Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu;ufanelwe kukoyikwa ngaphezu *kwezithixo zonke,

5. kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 96