Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 91:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,uhlala esemthunzini kaSomandla.

2. Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”

3. Kuba nguye okuhlangula emgibeni wabakugcayiseleyonakubhubhani wesifo,

4. akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe.

5. Akuyi koyika zingozi zasebusuku,nakuhlaselwa ngequbuliso emini,

6. nabhubhani wangobusuku,nasifo sigqugqisayo emini emaqanda.

7. Nokuba kungawa iwaka ecaleni kwakho,neshumi lamawaka liwe likungqonge,akusayi kuchukunyiswa nto wena.

8. Uya kuqwalasela ukubone ngamehlo akhoukohlwaywa kwawo amatshijolo.

9. Ngenxa yokuba uthembele ngoNdikhoyo,wamenza umkhuseli wakho uPhezukonke,

10. akuyi kuhlelwa bubi;akuyi kusondela nasibetho emzini wakho.

11. Kaloku woziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhewokuba zikugcine endleleni yakho,

12. zikufunqule hleze ukhubeke elityeni.

13. Wonyathela phezu kweengonyama neenyoka,unyhashe amathol' eengonyama noogqoloma.

14. Ngenxa yokuba endithanda, ndomhlangula;ndimphakamise, kuba elazi igama lam.

15. Akuzibika kum, ndiya kumva;ndiya kuba naye ezimbandezelweni,ndimhlangule, ndimbek' ezimbekweni,

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 91