Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:9-27 Ibhayibhile (XHO96)

9. AmaEfrayim axhoba ngeentolo,engàxhob' ef' amacala,kodwa aswantsula ngomhla wedabi.

10. Akawuthobelanga umnqophiso kaThixo,asuka ala ukuhamba ngokomthetho.

11. Suke ayilibala imisebenzi yakhe,imiqondiso awayewabonise yona.

12. UThixo wenza imimangaliso phambi kooyise,eJiputa kumathafa aseZowan.

13. Walahlula-hlula ulwandle, bawela,amanzi aba yinduli ngapha nangapha.

14. Wabakhokela ngelifu emini,ebusuku wabakhokela ngomlilo.

15. Waqhekeza amawa entlango,basela amanzi ampompozayo.

16. Wavelisa imithombo elulwalweni,amanzi aqukuqela ngathi yimilambo.

17. Kodwa baphindelela ukona,bavukelana naye uPhezukonke entlango.

18. Bamvavanya ngabom uThixongokubiza ukutya ababekubawela.

19. Baphoxisa ngoThixo bathi:“Angakuthatha phi na ukutya apha entlango?

20. Ewe, waliqhekeza iliwa, antyunty' amanzi,kwaza kwagqobhoza imilambo.Ewe, makasinik' isonka kaloku,abaph' inyama abantu bakhe.”

21. Akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka,waza wamlenya ngomlilo uYakobi.Ewe, wanoburhalarhume kuSirayeli,

22. kuba bengakholosanga ngoThixo,bengathembanga ukuba angabasindisa.

23. Kambe ke wayalela isibhakabhaka,zaza zavuleka iingcango zezulu,

24. yaza *imana yawa njengemvula,wabanika batya ukutya kwaphezulu.

25. Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.

26. Wathumela umoya wasempuma wabhudla,ngamandla akhe wavusa umoya wasezantsi.

27. Wabathobela inyama,kwangathi sisivungu-vungu;inyambalala yeentaka ezingangentlabathi yolwandle

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78