Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:56-72 Ibhayibhile (XHO96)

56. Kanti ke bamlinga bamvukela uThixo uPhezukonke;ewe, abazange bawuthobele umthetho wakhe.

57. Bamvukela, bahamba ngobutshijolo booyise;basuka àbanyaniseka, àbathembeka okwesaphetha esityokololo.

58. Bamcaphukisa ngokukodwa ngokunqula izithixo,bamkhweletisa ngemifanekiso ababeyinqula.

59. Akuyibona le nto uThixo waqumbakangangokuba wasuka wamhlamba uSirayeli.

60. Ewe, wafuduka emzini wakhe eShilo,wayishiya indlu awayehlala kuyo phakathi kwabantu.

61. Wabayekela yathinjwa ityesi yomnqophiso,iqhayiya labo lemka notshaba.

62. Abantu bakhe baba zizisulu zekrele,ilifa lakhe waliqwenga ngengqumbo.

63. Abafana batshayelwa ngumlilo,zatsho iintombi zaphoswa ngumtshato.

64. Ababingeleli bageqwa likrele,kodwa abahlolokazi babo àbalila.

65. INkosi yathi khwaphuphu njengobelele,njengegorha elishushiswa yiwayini.

66. Wazikhaba iintshaba zakhe,zatsho zaxabheleka umlibe.

67. Wayilahla indlu kaJosefu,wayibukula indlu kaEfrayim.

68. Kodwa wayichonga indlu kaJuda,intaba iZiyon ayithandayo.

69. Wayakha yafana nezulu indlu yakhe;ikhaya lakhe sisimakade, linjengomhlaba.

70. Wasinyula isicaka sakhe uDavide,wasiphuthuma ekwaluseni.

71. Wamkhupha ekwaluseni amatakane,wamenza umalusi wabantu bakhe,wangumalusi kaSirayeli ilifa lakhe.

72. Wabalusa ngokuzimisela nangenyameko;ewe, wabakhokela ngobuchule.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78