Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:52-60 Ibhayibhile (XHO96)

52. Kanti ke wabakhokela njengeegusha abantu bakhe,entlango wabalusa ngathi ngumhlambi.

53. Wabalondoloza batsho baphelelwa ngamaxhala,kambe ke ulwandle lwaziginya iintshaba zabo.

54. Wabakhokela wabasa kwelilelakhe ilizwe,entabeni awayizuza ngamandla akhe.

55. Bakufika wazidudula izizwe zabhaca,abantu bakhe wabacandela umhlaba wazo,amaSirayeli athi zava ezikhundleni zazo.

56. Kanti ke bamlinga bamvukela uThixo uPhezukonke;ewe, abazange bawuthobele umthetho wakhe.

57. Bamvukela, bahamba ngobutshijolo booyise;basuka àbanyaniseka, àbathembeka okwesaphetha esityokololo.

58. Bamcaphukisa ngokukodwa ngokunqula izithixo,bamkhweletisa ngemifanekiso ababeyinqula.

59. Akuyibona le nto uThixo waqumbakangangokuba wasuka wamhlamba uSirayeli.

60. Ewe, wafuduka emzini wakhe eShilo,wayishiya indlu awayehlala kuyo phakathi kwabantu.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78