Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:43-50 Ibhayibhile (XHO96)

43. Abayikhumbulanga imiqondiso yakhe yaseJiputa,nemimangaliso yakhe kumathafa aseZowan,

44. apho wawajika khona amanzi aba ligazi,kwayinqaba kumaJiputa ukusela emithonjeni.

45. Wabathumela ngamabubu eempukane, zabangcungcuthekisa,ngokunjalo namasele abazisela imbubho.

46. Izilimo zabo wazithumela ngesihlava,isivuno sabhuqwa ziinkumbi.

47. Idiliya yabo wayivuthulula ngesiphango,ke wona amakhiwane wawarhawula ngeqabaka.

48. Iinkomo zabo wazintlitha ngesichotho,imihlambi yabo yalenywa yimibane.

49. Wasuka ke wavutha umsindo wakhe,wayivulela ingqumbo yakhe ecaphukile,wababandezela ngolunya,umkhosi wezithunywa wabatshabalalisa.

50. Zange abe sazibamba, wawuvulela umsindo wakhe,akabasindisa ekufeni;ewe, wasuka wabathumela ngobhubhani.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78