Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:36-49 Ibhayibhile (XHO96)

36. Kodwa kuloo nto yonke bamqhatha;bâthi: “Lala, gusha, ndikuchebe.”

37. Zabe iintliziyo zona zikude lee kuye,bengakhange bawunanze umnqophiso wakhe.

38. Kambe ke yena uThixo waba nenceba,wabaxolela iziphoso zabo,wazibamba akabatshabalalisa;ewe, wayewubamba futhi umsindo wakhe,wayithomalalisa ingqumbo yakhe.

39. Wakhumbula ukuba bangabantu,into edlula njengomoya iphele.

40. Kwaba kaninzi bemvukela entlango;ewe, babemtsho abe neenzingo kwelingamiwayo.

41. Baphinda-phinda ukumvavanya,bamcaphukisa oyiNgcwele kaSirayeli.

42. Bamlibala àbamkhumbula ngamandla akhe,bawulibala umhla wokuhlangulwa kwabo elutshabeni.

43. Abayikhumbulanga imiqondiso yakhe yaseJiputa,nemimangaliso yakhe kumathafa aseZowan,

44. apho wawajika khona amanzi aba ligazi,kwayinqaba kumaJiputa ukusela emithonjeni.

45. Wabathumela ngamabubu eempukane, zabangcungcuthekisa,ngokunjalo namasele abazisela imbubho.

46. Izilimo zabo wazithumela ngesihlava,isivuno sabhuqwa ziinkumbi.

47. Idiliya yabo wayivuthulula ngesiphango,ke wona amakhiwane wawarhawula ngeqabaka.

48. Iinkomo zabo wazintlitha ngesichotho,imihlambi yabo yalenywa yimibane.

49. Wasuka ke wavutha umsindo wakhe,wayivulela ingqumbo yakhe ecaphukile,wababandezela ngolunya,umkhosi wezithunywa wabatshabalalisa.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78