Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:25-41 Ibhayibhile (XHO96)

25. Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.

26. Wathumela umoya wasempuma wabhudla,ngamandla akhe wavusa umoya wasezantsi.

27. Wabathobela inyama,kwangathi sisivungu-vungu;inyambalala yeentaka ezingangentlabathi yolwandle

28. waziwisa apho babemise khona,ewe, zajikeleza iintente zabo.

29. Abantu batya bada bahlutha;kaloku wabanika loo nto babeyifuna.

30. Kanti ke bathe bengekadikwa,besaxakekile besatya njalo,

31. suka wavutha umsindo kuThixo,wababulala abona bomeleleyo,wabageqa abafana bakwaSirayeli.

32. Nakuba kunjalo baphikelela ukona,bangenelwa kukudelela, àbakholwa.

33. Waza ke wababhangisa okomphunga,imihla yabo yaphela lishwangusha.

34. Akubohlwaya babuyela kuye,baguquka bazinikela kuThixo.

35. Bakhumbula ukuba nguThixo inqaba yabo,bangáhlangulwa nguThixo uPhezukonke.

36. Kodwa kuloo nto yonke bamqhatha;bâthi: “Lala, gusha, ndikuchebe.”

37. Zabe iintliziyo zona zikude lee kuye,bengakhange bawunanze umnqophiso wakhe.

38. Kambe ke yena uThixo waba nenceba,wabaxolela iziphoso zabo,wazibamba akabatshabalalisa;ewe, wayewubamba futhi umsindo wakhe,wayithomalalisa ingqumbo yakhe.

39. Wakhumbula ukuba bangabantu,into edlula njengomoya iphele.

40. Kwaba kaninzi bemvukela entlango;ewe, babemtsho abe neenzingo kwelingamiwayo.

41. Baphinda-phinda ukumvavanya,bamcaphukisa oyiNgcwele kaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78