23. Kambe ke wayalela isibhakabhaka,zaza zavuleka iingcango zezulu,
24. yaza *imana yawa njengemvula,wabanika batya ukutya kwaphezulu.
25. Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.
26. Wathumela umoya wasempuma wabhudla,ngamandla akhe wavusa umoya wasezantsi.
27. Wabathobela inyama,kwangathi sisivungu-vungu;inyambalala yeentaka ezingangentlabathi yolwandle
28. waziwisa apho babemise khona,ewe, zajikeleza iintente zabo.